ULAWULO LWENZULULWAZI NGEEMBASA NEMILIBO
Ulawulo lweenzululwazi ngeembasa nemilibo lujongene nokubhalisa izinto ezimele iimbasa nemilibo, njenge-coat of arms, iibheji neminye imifuziselo efana neeflegi, itywina enesitampu, iimbasa namagama kwaneeyunifom zemibutho namaziko. Imisebenzi yoLawulo lweNzululwazi ngeeMbasa neMilibo njengoko ichazwe kwicandelo 3 loMthetho weNzululwazi ngeeMbasa neMilibo, uMthetho ka- 1962 (uMthetho Nombolo 18 ka-1962) -
Kukwamkela nokuhlola izicelo zokubhaliswa okanye ukuphikisa ubhaliso okanye ukucinywa kwezinto ezimele inzululwazi ngeembasa nemilibo, amagama, amagama akhethekileyo okanye iiyunifom;
Ukugcina irejista namaxwebhu zibekwe ngokuhambelana noMthetho;
Ukukhupha iziqinisekiso zokubhaliswa kwezinto ezimele iimbasa nemilibo, amagama, amagama akhethekileyo kunye neyunifom;
Ukucebisa kangangoko ngemiba yezinto ezimele iimbasa nemilibo, amagama, amagama akhethekileyo kunye neeyunifom, nokunika uncedo ekuyilweni kwezinto ezimele iimbasa nemilibo kunye neyunifom;
Ukwenza neminye imisebenzi enokunikwa nguMphathiswa, ikhansile yenzululwazi yeembasa nemilibo okanye ikomiti yayo ngokuhambelana noMthetho.
Ngaphaya kwale misebenzi ikhethekileyo yenzululwazi lweembasa nemilibo, uLawulo ngeNkqubo zokuFikelela, inoxanduva lokupapasha nokwazisa imiQondiso yeSizwe, nokwenziwa ubu-Afrika kwemiqondiso yeeMbasa neMilibo oko kusenziwa ngophando, nokukhuselwa kweMiqondiso yeSizwe njengento yengqiqo nengqondo yeSizwe. Impumelelo yoLawulo lwenzululwazi ngeembasa nemilibo zicace gca kwimpumelelo yophuhliso nokunikezelwa kwee-oda ezintsha zeLizwe, iFlegi entsha yeLizwe, iCoat of Arms kunye nomhobe weSizwe odibeneyo.
UKUFIKELELA NOKUSETYENZISWA
Injongo yokugcina iimbalo zakudala ezibalulekileyo kukuqinisekisa ukuba iirekhodi ziyafikeleleka kuluntu, ezo zingaphezu kweminyaka engamashumi amabini. Indawo yeLizwe, yokuGcina iiMbalo zamandulo ezibalulekileyo kunye neeNkonzo zeeRekhodi zivuliwe ukuba zifikelelwe luluntu ukususela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ukuthathela kwintsimbi yesi- 8:00 - 16:00, nangoMgqibelo wesithathu wenyanga nganye ukusukela ngentsimbi ye-09:00 ukuya kweye- 13:00.
Ukuze ufumane impendulo yeminye imibuzo neNdawo yeLizwe, yokugcina iiMbalo zamandulo ezibalulekileyo ku:
IFowuni: 27 12 323 5300
IFeksi: 27 12 323 5287
INDAWO YELIZWE YOKUGCINA IIMBALO EZIBALUKILEYO KUNYE NEENKONZO ZEREKHODI ZOMZANTSI AFRIKA
ULAWULO LWENZULULWAZI NGEEMBASA NANGEMILIBO
IMVELAPHI
Indawo yelizwe, yokugcina iimbalo zamandulo ezibalulekileyo, yasekwa kukubhengezwa koMthetho woMzantsi Afrika weNdawo yeLizwe, yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo (uMthetho ongu Nombolo 43 wowe- 1996) njengoko uhlonyelwe. Eli suntswana lowiso-mthetho layziguqula iiNkonzo zeNdawo yeLizwe, yokuGcina iiMbalo ezibalulekileyo, eyayikho ngaphambili layenza ukuba ibe yinNdawo yeLizwe, yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo ejongo yayo kunye nesakhiwo sayo sibonisa imeko yopolitiko yexesha elingasemva kwelo lengcinezelo.
IMISEBENZI YENDAWO YELIZWE, YOKUGCINA IIMBALO EZIBALULEKILEYO
Indawo yeSizwe, yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo inoxanduva lokufumana, ukugcina nokukhuthaza ukusetyenziswa kweerekhodi zoluntu nezo ingezozoluntu, ezixabiso lazo linokunyamezela lithathe ixesha; ukugcina inkqubo yolwazi lweembalo ezibalulekileyo, zesizwe, ezfakwe ematshinini wokuba kuzenzekele ukufunyanwa kwayo kwakhona, ukunika umgangatho wenkxaso yamaphondo kwiinkonzo zeeNdawo zokugcina iimbalo ezibalulekileyo. IiNdawo zokugcina iiMalo ezibalulekileyo zimisela indawo ebalulekileyo yelifa lesizwe kwaye ziyindlela yokuqaqambisa ubunto besizwe, ukwakhiwa kwesizwe kunye nokugunyaziswa kwabo babefudula bengenamathuba.
INdawo yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo zikwangumjelo ongundoqo ekwenzeni ukuba oorhulumente babe nokuziphendulela izenzo zabo kuluntu. Ngokuphucula izinga lokuba nokufikelela kwiindawo zokugcina iimbalo ezibalulekileyo koluntu, izenzo zikarhulumente zitsho zibe phandle, kungabikho magumgedle. Kwangokunjalo, iindawo zokugcina iimbalo ezibalulekileyo zikwaqulethe ubungqina bamaxwebhu afunekayo ukukhusela abemi ngabanye kunye namaqela. Indima enkulu yeendawo zesizwe zokugcina iimbalo ezibalulekileyo ayiwabonisi amava zoninzi lwabemi boMzantsi Afrika.
umzekelo abantu boMzantsi Afrika ababengabekwa nawo yingcinezelo, amabhinqa njalonjalo. Indawo yeLizwe, yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo iqalise iinkqubo zembali ebaliswa ngomlomo ukwenzela ukubhala nokugcina imbali namava abantu abangetheni ngolo hlobo athathe inxaxheba kwinkqubo yokwenza ugcino olubandakanya wonke ubani loluntu loMzantsi Afrika oluntlobontlobo.
INdawo yeSizwe, yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo igcina iirejista zesizwe zeerekhodi ezingezizo ezabantu nezinexabiso. Ngaphezu koko ikhuthaza intsebenziswano noqhagamshelwano phakathi kwamaziko adlala indima ekuqokolelweni nasekugcinweni kweerekhodi ezingezizo ezoluntu.
NgeeNkqubo zokuFikelela eluntwini, iNdawo, yesizwe yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo ijonge ukuba ifikelele kumalungu oluntu angazi nto ngobukho okanye umsebenzi wezi ndawo zembali. Le nkqubo itsolise ukusetyenziswa kwezi ndawo zokugcina iimbalo ezibalulekileyo "ngokusa ezi ndawo ebantwini" oko ikwenza ngokutyelela amaziko emfundo noluntu loMzantsi Afrika nangemiboniso, iimini ezivulelwe uwonkewonke nokuphunyezwa kweenkonzo zoluntu okusebenza ngempumelelo.
Indawo yeSizwe yokugcima iiMbalo ezibalulekileyo zenza zikwagcina inkqubo yembumbulu-lwazi eya kukhuthaza ukufikelela kulwazi ukulungiselela iimfuno zolwazi eziziintlobo ngeentlobo ukuxhasa uphuhliso loluntu lulonke.
IMithetho elawula le misebenzi yeNdawo yeLizwe yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo nguMthetho weKhansile yeSizwe yamaThala eencwadi noweeNkonzo zoLwazi uMthetho, 2001; uMthetho woMzantsi wamaThala eencwadi wowe-, 1998; uMthetho woMzantsi Afrika olungiselelwe abangaboniyo wowe- 1998; noMthetho wokubekwa kwezoMthetho wowe-1997.
UMthetho wokuBeka ezoMthetho uqinisekisa ukuba ikopi enye yoxwebhu ngalunye olupapashwe eMzantsi Afrika ithunyelwa simahla kwizitora kulo lonke ilizwe. Ngalo Mthetho, ilifa elibubutyebi boMzantsi Afrika liyagcinwa ze lilungiselelwe ukuba lifikeleleke kuluntu ngokubanzi.
